Saturday, 31 July 2010
Print PDF
Back to previous page
[picture: graduation cap & certificate]

Isipho semfundo esemgangathweni esinokufunyanwa ngumntwana wakho – phucula ugcinomali olwenzela imfundo ephakamileyo yomntwana wakho nge-Fundisa Fund

I-Fundisa Fund yi-akhawunti yogcinomali ebekelwe injongo ethile enenkalo yebhonasi ekhethekileyo. Ibhonasi sisixa esongezelekileyo esiyi-25% yemali oyigcinileyo –ethi ifikelele nakwi-R600 nyaka ngamnye. Le bhonasi yenzeke ngokuhlangana kukarhulumente kunye neenkampani zee-unit trust. Injongo yayo kukukunceda ukuze ukwazi ukuhlawulela imfundo ekumgangatho ophakamileyo neqinisekiswe ngabasemagunyeni ezemfundo, ulungiselela umntwana wakho okanye umfundi omkhethileyo onokuba kwikholeji kawonkewonke okanye eyunivesiti.

Qalisa ukugcina ngoku

Cofa apha ukuze ufumanise okungakumbi ngeFundisa
Cofa apha ukuze ufumanise okungakumbi ngendlela yokuvula i-akhawunti yogcinomali yeFundisa
Cofa apha ukuze ufumane ifomu yesicelo yeFundisa Fund