Back to pevious page
Isebenza njani iFundisa?
- Uyakufumana ibhonasi nyaka ngamnye njengebhaso lokugcinela imfundo yomntwana imali. Isixa sebhonasi singayakufikelela kwi-25% (kotanganye) yemali oyigcina ngonyaka ngamnye, ukuyakutsho kwi-R600 kumntwana ngamnye.
- Oku kuthetha ukuba xa ugcina i-R100 ngenyanga kangangonyaka (i-R1200 ngonyaka), uyakufumana i bhonasi-eyi R300 ngonyaka yokuhlawulela imfundo yomntwana wakho.
- Akukho mlinganiselo kwinani labatyalimali abanokugcinela umfundi omnye. Nakuba kunjalo, ibhonasi eyakunikwa umfundi nyaka ngamnye ayiyikudlula kwi-R600 nokuba bangaphi abatyalimali.
- Ukuze ufumane ibhonasi ephezulu ye-R600, umtyalimali kuyakufuneka agcine i-R2400 iyonke kuloonyaka.
- Urhulumente kunye neenkampani zee-unit trust ziye zavuma ukuxhasa iprojekthi yolingelo yeminyaka emi-3 ukuze zibone ukuba kuyimfuneko kusini na ukugcinela imfundo yabantwana benu. Ibhonasi inikwa umtyalimali ofike kuqala. Abokuqala ukugcina imali nge-akhawunti yeFundisa Fund, iya kubangabokuqala ukufumana ibhaso, ekubeni uvimba webhonasi weprojekthi yolingelo ulinganiselwe.
- Imali yebhonasi asiyoyakho – inokusetyenziswa kuphela ngumfundi omgcinela imfundo yakhe.
- Ukuba ufuna ukukhupha imali yakho kwi-akhawunti yakho yeFundisa Fund unako, kodwa uyakulahlekelwa yi-25% eyibhonasi obunokuyifumana.. Kuyakuthabatha iintsuku ezimbini zomsebenzi ukuze ufumane imali yakho kwinkampani yee-unit trust okanye ibhanki ovule kuyo i-akhawunti yakho yeFundisa Fund, ukuba uthatha imali yakho.
- Ukuba umfundi ukhetha ukungaqhubekeki nemfundo, uyakulahlekelwa yimali yebhonasi ngaphandle kokuba ukhetha omnye umfundi oyakuthabatha indawo yakhe.
- Ukuba ibhonasi ayisetyenziselwanga ukuhlawula izifundo zomfundi uyakulahlekelwa yiyo.
How Does Fundisa Work?

