Back to previous page
Iyakukhula njani i-akhawunti yakho yeFundisa Fund?
- Imali yakho ithenga ii-unit kwii-unit trust zengeniso.
- Ezi-unit trust zenza utyalomali kwiibhondi zikarhulumente kunye needipozithi zebhanki. Uyakufumana inzala (ingeniso) kunye nokwanda okongezelekileyo kolutyalomali ekuhambeni kwexesha.
- Ibhonasi oyakuyifumana iyakongezwa kwimali oyigcinileyo.
- Uyakuthunyelelwa isiteyitimenti kanye ngonyaka, esibonisa ii-akhawunti ezimbini. I-akhawunti yokuqala iyakubonisa yonke imali egcinwe ngumtyalimali,ize eyesibini ibonise i-akhawunti yebhonasi kunye nesixa sebhonasi esongeziweyo okanye esicuthiweyo nyaka ngamnye.
- Ibhonasi ibalwa ngo-Okthobha wonyaka ngamnye yaye iyakufakwa kwi-akhawunti yakho yebhonasi ngoJanyuwari wonyaka olandelayo.
- Unokubona ukuba ugcino lweFundisa Fund lukhule njani ngokujonga amaxabiso ee-unit trust kwiphephandaba. Ixabiso le-unit yeFundisa Fund limele liphindaphindwe ngenani lee-unit onazo. – uyakubona ukuba zingaphi ii-unit onazo kwisiteyitimenti sakho.
Ii-unit trust zengeniso iFundisa etyale kuzo imali ziphethwe ngaba balandelayo:


