Back to previous page
Kwenzeka ntoni xa umfundi efuna ukuqalisa ukufunda?
- Umele uxelele inkampani yee-unit trust okanye ibhanki ovule kuyo i-akhawunti yeFundisa Fund xa umfundi elungele ukufunda.
- Bayakukulungiselela isetifiketi esibonisa ukuba yimalini enokufumaneka kumfundi ukuze afunde. Lemali iquka oko ukugcinileyo, imali yebhonasi, kunye nenzala oyifumene kutyalomali lwakho.
- Umfundi umele ukuba ase esisetifiketi kwikholeji okanye iyunivesiti abhalise kuyo.
- Ikholeji okanye iyunivesiti iyakwazisa i-National Student Financial aid Scheme (NSFAS) ngeenkcukacha zomfundi yaye i-NSFAS iyakubanga imali kwiFundisa Fund egameni lomfundi ize ihlawule ikholeji okanye iyunivesiti abhalise kuyo umfundi ngokungqalileyo.


