Sunday, 05 February 2012
Print PDF
Back to previous page

Ngubani onokuvula i-akhawunti yeFundisa Fund?

  • Nawuphina ummi welaseMzantsi Afrika okanye umhlali wexesha elizeleyo onqwenela ukunceda ekufundiseni umntu amkhathaleleyo, ongummi welaseMzantsi Afrika.
  • Akunyanzelekanga ukuba uzalane nalomfundi. Unokuxhasa nawuphina umfundi omkhethayo.
  • Umele ukuba ubene-akhawunti yeMzantsi okanye enye eyeyeetranzekshini kunye nencwadi yesazisi eluhlaza ene-bar-code.
  • Yonke imali oyigcinayo yeyakho de ihlawulwe kwikholeji kawonkewonke okanye iyunivesiti eyamkelwayo yi-National Student financial Aid Scheme (NSFAS) – i-arhente karhulumente enembopheleleko yokuhlawula amaziko emfundo.
  • Kubalulekile ukuba unganikisi ngemali kuye nawuphina umntu ngaphandle kweenkampani zee-unit trust okanye iibhanki onokuvula kuzo i-akhawunti yeFundisa Fund. Ngalo lonke ixesha qinisekisa ukuba ufumana irisiti yayo nayiphina imali oyifaka kwi-akhawunti yakho yeFundisa Fund.

Imfuneko zomfundi omkhethileyo zezi zilandelayo

  • umele abengummi welaseMzantsi Afrika.
  • umele anikeze ngekopi yencwadi yesazisi eluhlaza okanye isetifiketi sokuzalwa.
  • umele aqalise ukufunda ngaphambi kokuba abeneminyaka engama-35 ubudala, kwikholeji kawonkewonke okanye kwiyunivesiti esebenzisana ne-National Student Financial Aid Scheme (NSFAS).

Umtyalimali usenako nokuvula i-akhawunti yeFundisa Fund ukuze agcinele imfundo yakhe ephakamileyo.